ULUTSHA LUYABUZA
Ndenze Ntoni Xa Ndihletywa?
Kutheni kusiba buhlungu
Abanye abantu bakuhleba ngabom—ngokomzekelo baxoke kuba befuna ukungcolisa igama lakho. Kodwa enokuba le nto uhletywa ngayo ibonakala ingenamsebenzi, kusenokuba buhlungu ingakumbi xa uhletywe ngumntu obucinga ukuba ungumhlobo!—INdumiso 55:12-14.
“Ndaxelelwa ukuba umhlobo wam uhambe ethetha ngam, esithi mna andibakhathalelanga abanye abantu. Yayibuhlungu loo nto! Andiyazi ukuba wayengenwe yintoni ukuze athethe loo nto.”—UAshley.
Inyani yile: Enokuba uhletywe ngumhlobo okanye akunjalo, ayikho mnandi into yokuva ukuba abantu bathetha kakubi ngawe.
Iindaba ezibuhlungu—awunakubanqanda abantu ukuba bangakuhlebi
Zininzi izinto ezinokwenza abantu bahlebe, nazi ezinye:
Ukuthanda abantu: Ekubeni siphila nabantu, kuyazenzekela ukuba sithethe ngabantu. Ukanti neBhayibhile ibonisa ukuba ukusa kumkhamo othile, sifanele sibe nomdla kwiminqweno ‘yobuqu’ yabanye.—Filipi 2:4.
“Kusoloko kumnandi ukuncokola ngabantu!”—UBianca.
“Xa nditheth’ inyani, ndiyakuthanda ukwazi ngabantu ndize oko ndikukhuphele kwabanye. Andazi ukuba kutheni, kumnandi qha.”—UKatie.
Isithukuthezi. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abantu “babechitha ixesha labo lokuphola bengenzi nto ngaphandle kokuxela okuthile okanye ukuphulaphula okuthile okutsha.” (IZenzo 17:21) Kunjalo ke nakule mihla!
“Xa kungekho nto intsha, abantu bayathanda ukuziqamba izinto, okokuba nje kuthethwe.”—UJoanna.
Ukungazithembi. IBhayibhile inesizathu esihle xa isithi masingazifanisi nabanye. (Galati 6:4) Abanye baye bahlebe ngenxa yokuba bengazithembanga.
“Intlebendwano idla ngokudiza okuthile ngalowo uyisasazayo. Amaxesha amaninzi kudla ngokubangelwa kukuba lo mntu uhlebayo unomona. Uhleba ukuze azive engcono, eziqhatha ngokuba ubhetele kunalomntu amhlebayo.”—UPhil.
Inyani yile: Uthanda ungathandi, abantu baya kusoloko bethetha,nangawe lo.
Iindaba ezimnandi—ubomi buyaqhubeka
Akunakukwazi ukunqanda ukuba abantu bangahlebi ngawe, kodwa unokukwazi ukulawula indlela osabela ngayo. Xa usiva ukuba uhletyiwe, zimbini izinto onokuzenza.
EYOKUQALA: Sukuyihoya. Ngamaxesh’ amaninzi ukungahoyi xa uhletywa kusoloko kuluncedo, ingakumbi xa loo nto ingenamsebenzi. Sebenzisa eli cebiso leBhayibhile: “Musa ukukhawuleza ukucaphuka ngomoya wakho.”—INtshumayeli 7:9.
“Kwakhe kwathiwa mna ndithandana nomfana endingamazi nokumazi! Yayimuncu loo nto, ndasuka nje ndayihleka.”—UElise.
“Eyona ndlela yokoyisa intlebendwano kukuduma kakuhle. Xa uziphethe kakuhle nokuba kusasazwa ubuxoki ngawe, bambalwa abantu abaza kubukholelwa. Inyani isoloko ivela ekugqibeleni.”—UAllison.
Icebiso: Bhala (1) oko bekuthethiwe ngawe (2) nendlela oye wavakalelwa ngayo. Xa sele ‘uyithethile entliziyweni yakho,’ kunokuba lula ngawe ukuyiyeka idlule.—INdumiso 4:4.
EYESIBINI: Yiya kulo mntu ukuhlebileyo. Ngamanye amaxesha, xa loo nto uhletywe ngayo inkulu, kusenokufuneka uyokuthetha nalo mntu uyisasazileyo.
“Ukuba uyaya kulo mntu uhlebileyo, uza kutsh’ aqonde ukuba izinto azithethayo zihamba zide zifike kwaba bantu abahlebayo. Ibe ninokukwazi ukuyilungisa loo ngxaki.”—UElise.
Ngaphambi kokuba uye kulo mntu ukuhlebileyo, funda oko iBhayibhile ikuthethayo uze uzibuze le mibuzo ilandelayo.
‘Nabani na ophendula umbandela ngaphambi kokuwuva, bubudenge obo kuye.’ (IMizekeliso 18:13) ‘Ngaba ndazi yonk’ into? Akunakwenzeka ukuba mhlawumbi lo mntu undixeleleyo akavanga kakuhle?’
‘Khawuleza ukuva, ucothe ukuthetha, ucothe ukuqumba.’ (Yakobi 1:19) ‘Ngaba eli lixesha elihle lokuya kumbuza? Ngaba andiqhutywa ziimvakalelo phofu? Okanye bekungenakuba kuhle ukuzinika ixesha lokwehla?’
“Baphathe abanye ngendlela obunokufuna ukuphathwa ngayo.” (Mateyu 7:12, iNET Bible) Ukuba ibinguwe ohlebileyo, ubunokufuna ukuba kuthethwe njani nawe? Ubunokufuna ithethelwe phi? Ngawaphi amazwi obunokufuna athethwe kuwe?’
Icebiso: Ngaphambi kokuba uye kumntu okuhlebileyo, bhala oko uza kukuthetha. Linda kudlule iveki okanye ezimbini, yifunde kwakhona uze ubone ukuba akukho nto ufuna ukuyitshintsha. Kwakhona, thetha nomzali okanye umhlobo obhadlileyo ngoko ubukubhalile.
Inyani yile: Kukho izinto esingenakukwazi ukuzinqanda ebomini, njengokuhletywa. Kodwa ubomi mabungemi ngenxa yaloo nto.