KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE
IMizekeliso 17:17—“Umhlobo Unothanda Ngamaxesha Onke”
“Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke, ibe ungumzalwana onokuthembela kuye ngamaxesha anzima.”—IMizekeliso 17:17, INguqulelo YeHlabathi Elitsha.
“Umhlobo unothando ngamaxesha onke; . . . umntakwenu uzalelwe ukuba nawe kwiimbandazele.”—IMizekeliso 17:17, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996
Into ethethwa yiMizekeliso 17:17
Abahlobo bokwenene banokuthenjwa. Njengabantu abazalwa kunye abasondeleleneyo, abahlobo bayakhathalelana ingakumbi ngamaxesha anzima.
“Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke.” La mazwi athetha ukuba “abahlobo basoloko bebonisana uthando.” Igama lesiHebhere elisetyenziswe apha elithi “uthanda” alithethi imvakalelo umntu abanayo ngomnye qha. Luthando oluye luboniswe nguloo mntu ngezinto azenzayo. (1 Korinte 13:4-7) Abahlobo abathandana ngolo hlobo, abancamani naxa kukho iingxaki kubuhlobo babo. Basoloko bexolelana. (IMizekeliso 10:12) Abamonelani xa omnye esenzekelwa zizinto ezintle, kodwa bayavuyelana.—Roma 12:15.
“Umhlobo ngumntakwenu ozalelwe ukuba nawe kwiimbandezelo.” La mazwi asuka kwinto yokuba abantu abazalwa kunye banokusondelelana kakhulu. Ngoko xa sizama ngandlela zonke ukunceda umhlobo onengxaki, kude kube ngathi sizalana naye kuba loo nto inokwenziwa ngabantu abazalanayo. Enye into, indlela abasondelelana ngayo abahlobo abanjalo iyaqina naxa kukho iingxaki. Kaloku xa beneengxaki, iyakhula indlela abathandana nabahloniphana ngayo.
Into ekuthethwa ngayo kwiMizekeliso 17:17
Incwadi yeMizekeliso inobulumko namacebiso ancedayo ibe amazwi afumaneka kuyo awakho made, loo nto ke yenza umntu owafundayo acinge. UKumkani uSolomon wabhala izahluko ezininzi zale ncwadi yeBhayibhile. Indlela awabhala ngayo ifana nombongo wesiHebhere, kuba endaweni yokuba asebenzise amagama abizwa ngendlela efanayo, uthetha ngezinto ezifanayo eziza kuxhasana okanye athethe ngezinto eziphikisanayo. Le nto siyibona kwiMizekeliso 17:17 kuba isivakalisi sesibini sixhasa esokuqala. Umzekelo wezinto eziphikisanayo ukwiMizekeliso 18:24, ithi “Kukho abantu abakulungeleyo ukutyumzana, kodwa kukho umhlobo osondela ngaphezu komntakwenu.”
Xa uSolomon wayebhala iMizekeliso 17:17, kusenokwenzeka ukuba wayecinga indlela utata wakhe uDavide, awayesondelelene ngayo nomhlobo wakhe uYonatan owayengunyana kaKumkani uSawule. (1 Samuweli 13:16; 18:1; 19:1-3; 20:30-34, 41, 42; 23:16-18) Nangona uDavide noYonatan babengazalani, indlela ababesondelelene ngayo yayingathi bazalwa kunye. UYonatan wade wabeka ubomi bakhe engozini ukuze ancede umhlobo wakhe owayemncinci kunaye. a
Indlela Ebekwe Ngayo IMizekeliso 17:17 Kwenye Inguqulelo
“Umhlobo uthanda ngamaxesha onke; Umzalwana uzalelwe imbandezelo.”—IZibhalo Ezingcwele.
Bukela le vidiyo emfutshane ethetha ngencwadi yeMizekeliso.
a Jonga inqaku elithi, “Abahlobo Abasenyongweni.”