KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE
Isaya 26:3—“Uza Kubakhusela Abo Bayame Ngawe Ngokupheleleyo Uza Kubenza Bahlale Benoxolo”
“Uza kubakhusela abo bayame ngawe ngokupheleleyo, uza kubenza bahlale benoxolo; kuba bathembele kuwe.”—Isaya 26:3, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.
“Ke wena ubathi jize ngenzolo abo banjongo zingajika-jikiyo, kuba behlala bekholose ngawe.”—Isaya 26:3, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.
Oko kuthethwa nguIsaya 26:3
Umprofeti uIsaya uthetha la mazwi aqinisekisayo, ukuze asibonise ukuba uThixo uyabakhusela abo bahlala bethembele Ngaye ngokupheleleyo. Loo nto uyenza ngokunceda abo bantu bazive bekhuselekile ibe beseluxolweni.
“Uza kubakhusela abo bayame ngawe ngokupheleleyo.” Kule ndawo, kuthethwa ngabo bazimisele ukuthembela ngoYehova a uThixo ngokupheleleyo ngamaxesha onke. Abantu abamthembayo bayaqonda ukuba baxhomekeke kuye. Ngokomzekelo, abathembeli kwindlela abaziqonda ngayo izinto xa beza kwenza izigqibo ezibalulekileyo. Kunoko, basoloko bezama ukujonga indlela uThixo acinga ngayo kuzo zonke izinto abazenzayo. (IMizekeliso 3:5, 6) Baye bakhangele indlela uThixo azijonga ngayo izinto ngokufundisisa iLizwi lakhe, iBhayibhile, nangokucingisisa ngezinto abazifundayo. (INdumiso 1:2; 119:15) Xa benengxaki, basondela kuYehova ngomthandazo, becela ukuba abancede. (INdumiso 37:5; 55:22) Xa besenza loo nto, babonisa ukuba bamthembile uThixo, ibe yena ubanika uxolo.
“Uza kubenza bahlale benoxolo.” KwisiHebhere, igama elithi “uxolo” liphindwa kabini ukuze ligxininiswe. Ngoko, ukuze loo nto icace kusenokuthwa “bahlale benoxolo,” “uxolo olungenakuphazanyiswa,” okanye “uxolo olupheleleyo.” Ngamanye amazwi, abo bathembele ngoYehova ngokupheleleyo baba seluxolweni. Indlela abazole ngayo ngaphakathi ayixhomekekanga kwiimeko zabo. (INdumiso 112:7; 119:165) Olu xolo lubangelwa kukuba nobuhlobo obuhle noYehova, nokufuna ukwenza izinto ezilungileyo emehlweni akhe.—IMizekeliso 3:32; Isaya 48:18.
Xa kuthiwa “bahlala benoxolo” akuthethwa ukuba uThixo uyabakhusela, okanye ubenza ukuba bangabi nazo iingxaki namaxhala. (1 Samuweli 1:6, 7; Yobhi 6:1, 2; INdumiso 31:9) Kunoko, ubanceda bakwazi ukumelana nezoo ngxaki. (Isaya 41:10, 13) Imithandazo yabo uyayiphendula, ngokubanika ubulumko, amandla, aze abathuthuzele. (INdumiso 94:19; IMizekeliso 2:6; Isaya 40:29) Ngenxa yaloo nto, bayakwazi ukuhlala bezolile naxa bejongene nobunzima.—Filipi 4:6, 7.
Into Ekuthethwa Ngayo kuIsaya 26:3
Umprofeti uIsaya wayephila kwiminyaka eyaqala ngoo-800 B.C.E. Abaninzi kwaYuda ngeloo xesha, abazange bamkhonze ngokunyaniseka uYehova uThixo. Loo nto yaqhubeka nakwiminyaka eyalandelayo emva koko. Ngenxa yaloo nto, uYehova wavumela ukuba idolophu yabo, iYerusalem itshatyalaliswe ngo-607 B.C.E.
Kodwa, kwiminyaka engaphezu kweyi-100 ngaphambi kokuba itshatyalaliswe, uIsaya wabhala ingoma eyayidumisa uYehova ekwisahluko 26, eprofeta. (Isaya 26:1-6) Loo ngoma yayithetha ngexesha apho idolophu yakwaYuda, iYerusalem, yayiza kuphinda yakhiwe.
IYerusalem yaphinda yakhiwa kwiminyaka elandelayo ngoo-537 B.C.E. Emva kokuba loo nto yenzekile, amaYuda athembekileyo awayebuyele kwaYuda ayenokuziva ekhuselekile ade athi, “Sinesixeko esomeleleyo.” (Isaya 26:1) Kodwa, yayingezondonga zesixeko zomeleleyo ezazinokuwenza atsho. Kunoko, babeza kuziva bomelele kweso sixeko ngenxa yokusikelelwa nokukhuselwa nguYehova.—Isaya 26:2.
Nanamhlanje kusafana. Abo bathembele ngoYehova banokuziva bekhuselekile kuba bamjonga ‘njengeLiwa’ labo, okanye indawo yabo yokubalekela.—Isaya 26:4.
Bukela le vidiyo imfutshane ukuze ubone into ekuthethwa ngayo kuIsaya.
a UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Jonga inqaku elithi “Ngubani UYehova?”