Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Luka 1:37—“UThixo Soze Angayenzi Into Ayithethileyo”

Luka 1:37—“UThixo Soze Angayenzi Into Ayithethileyo”

 “UThixo soze angayenzi into ayithethileyo.”—Luka 1:37, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “UThixo akavakalisi into engenakwenzeka.”—Luka 1:37, INguqulelo Yehlabathi Elitsha yowe-1999.

Into ethethwa nguLuka 1:37

 UThixo uSomandla uyakwazi ukwenza izinto ezibonakala ngathi azinakwenzeka ebantwini. Akukho nto inokubangela ukuba angazenzi izinto azithembisileyo.

 Kule vesi kuthethwa ngezinto ezithethwa nguYehova a uThixo, nezo sele zenzekile. Ngenxa yaloo nto, uLuka 1:37 unokuthetha ukuthi: “Soze ingenzeki into ayithembisileyo uThixo” okanye “uThixo akavakalisi into engenakwenzeka.” Ezi zibhalo zesiGrike zisifundisa le nyani: Akukho nenye into ayithembisileyo uThixo engazukwenzeka, kuba akukho nto inokumxaka.—Isaya 55:10, 11.

 EBhayibhileni, zininzi iindawo ezithetha ngezithembiso zikaThixo. Ngokomzekelo, uYehova wasebenzisa ingelosi ukuze axelele uAbraham ukuba umfazi wakhe uSara owayengafumani bantwana wayeza kukhulelwa nangona emdala. UThixo wathi: “Ikho into enokumxaka uYehova?” (Genesis 18:13, 14) Emva kokucinga ngendalo kaThixo, usolusapho uYobhi wathi: “Akukho nto inokukuxaka xa ucinge ukuyenza.” (Yobhi 42:2) Xa abalandeli bakaYesu babengaqinisekanga ukuba bangasindiswa nguThixo, uYesu wabakhumbuza ukuba “kuThixo yonke into ingenzeka.”—Mateyu 19:25, 26. b

Into ekuthethwa ngayo kuLuka 1:37

 Amazwi kaLuka 1:37 athethwa yingelosi ekuthiwa nguGabriyeli kwintombi yomYuda eyayingazange yalala nandoda, uMariya. UGabriyeli wathi kuyo iza kuzala ‘uNyana woyena Uphakamileyo’ ibe yayimele ‘imthiye igama elinguYesu.’ Lo nyana uza kuba nguKumkani woBukumkani bukaThixo, obuza kulawula ngonaphakade.—Luka 1:26-33; ISityhilelo 11:15.

 UMariya wabuza ukuba ingenzeka njani loo nto kuba wayengatshatanga, ibe ‘kwakungekho ndoda alala nayo.’ (Luka 1:34, 35) UGabriyeli wamphendula wathi uThixo uza kusebenzisa umoya wakhe oyingcwele, okanye amandla akhe. Ngelo xesha, uYesu wayengunyana kaThixo ongumoya ezulwini. Ngoko uYehova wasebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuze adlulisele ubomi bukaYesu owayesezulwini ukuya kwisibeleko sikaMariya. (Yohane 1:14; Filipi 2:5-7) Waye wakhulelwa ngokungummangaliso. Le ngelosi yaqinisa ukholo lukaMariya kumandla kaThixo, ngokumxelela ukuba umntu azalana naye uElizabhete, ukhulelwe unyana “nangona emdala.” UElizabhete nomyeni wakhe uZekariya, babengenabantwana kuba uElizabhete wayengakwazi ukufumana abantwana. (Luka 1:36) Unyana wabo waba nguYohane umBhaptizi, ibe umsebenzi wakhe wokushumayela wawuchazwe kwangaphambili nguYehova.—Luka 1:10-16; 3:1-6.

 Ingelosi uGabriyeli yathetha la mazwi akuLuka 1:37, mhlawumbi icinga ngoMariya noElizabhete. La mazwi afanayo aqinisekisa abakhonzi bakaYehova namhlanje ukuba uza kuqhubeka ezenza izinto azithembisileyo. Oko kuquka isithembiso sokuba uNyana wakhe uYesu Kristu onguKumkani woBukumkani bukaThixo; uza kulawula ngobulungisa endaweni yoorhulumente babantu.—Daniyeli 2:44; 7:13, 14.

 Bukela le vidiyo emfutshane ethetha ngencwadi kaLuka.