Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

IMizekeliso 16:3—“Thembela KuYehova Kuyo Yonke Into Oyenzayo”

IMizekeliso 16:3—“Thembela KuYehova Kuyo Yonke Into Oyenzayo”

 “Thembela kuYehova kuyo yonke into oyenzayo, ibe amacebo akho aza kuphumelela.”—IMizekeliso 16:3, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Qengqela kuYehova izenzo zakho, zizimaseke iingcinga zakho.”—IMizekeliso 16:3, IZibhalo Ezingcwele.

Into ethethwa yiMizekeliso 16:3

 La mazwi akwesi Sibhalo aqinisekisa abantu abakhonza uThixo oyinyaniso ukuba izinto abazicebayo ziza kuphumelela, ukuba bathembela kuye baze benze izinto ngendlela athi mabazenze ngayo.

 “Thembela kuYehova kuyo yonke into oyenzayo.” Ngaphambi kokuba benze izigqibo, abantu abakhonza uYehova a baye bafune ukhokelo lwakhe. (Yakobi 1:5) Kutheni? Kungenxa yokuba abantu abakwazi ukuzilawula ngokupheleleyo izinto ezenzeka kubomi babo. (INtshumayeli 9:11; Yakobi 4:13-15) Enye into, basenokungabi nabo nobulumko bokwenza into abafuna ukuyenza. Ngenxa yezi zizathu, abantu abaninzi abalumkileyo baye bathembe uYehova ngezinto abafuna ukuzenza. Loo nto bayenza ngokuthandaza kuye, bacele ubulumko baze benze izinto eziseLizwini lakhe iBhayibhile.—IMizekeliso 3:5, 6; 2 Timoti 3:16, 17.

 Amazwi athi “thembela kuYehova kuyo yonke into oyenzayo” ngamanye amazwi athetha ukuba “qengqela kuYehova izenzo zakho.” Ngokutsho kwenye inkcazelo la mazwi yawazekelisa “ngomntu oye anike omnye umntu umthwalo wakhe onamandla kunaye nokwaziyo yena ukuwuphatha.” Abantu abathembela ngoYehova banokuqiniseka ukuba uzakubaxhasa aze abancede.—INdumiso 37:5; 55:22.

 Amazwi athi “yonke into oyenzayo” awathethi ukuba uThixo uza kusikelela yonke into eyenziwa ngabantu okanye uzoyenza iphumelele. Kodwa, ukuze uYehova asikelele izinto umntu afuna ukuzenza, kufuneka lo mntu enze izinto ngendlela ethandwa nguYehova nangendlela evumelana nemigaqo yakhe. (INdumiso 127:1; 1 Yohane 5:14) UThixo akamsikeleli umntu ongathobeliyo. Kunoko “uyawaphelisa amacebo abenzi-bubi.” (INdumiso 146:9) Kodwa uyabasikelela abo bazinikele kuye ngokupheleleyo nabathobela imithetho yakhe eseBhayibhileni.—INdumiso 37:23.

 “Amacebo akho aza kuphumelela.” Ezinye iinguqulelo lamazwi ziwaguqulele ngokuthi “amacebo akho uza kuwazinzisa.” KwiZibhalo zesiHebhere ezaziwa ngokuba yiTestamente Endala, igama eliguqulelwe ngokuthi “ukuzinziswa” lithetha ukubeka isiseko sento, ibe amaxesha amaninzi lisoloko lichaza ukuqina kwezinto uThixo azidalileyo. (IMizekeliso 3:19; Yeremiya 10:12) Ngokufanayo ke, uThixo uza kuwazinzisa ngokuqinileyo amacebo abantu abenza ukuthanda kwakhe, abancede bakhuseleke baze bonwabe.—INdumiso 20:4; IMizekeliso 12:3.

Into ekuthethwa ngayo kwiMizekeliso 16:3

 La mazwi obulumko abhalwa nguKumkani uSolomon owabhala incwadi ezininzi ezikwincwadi yeMizekeliso. Wayekwazi ukuthetha amazwi amaninzi obulumko kuba ubulumko awayenabo wayebuphiwe nguThixo.—1 Kumkani 4:29, 32; 10:23, 24.

 Ekuqaleni kwesahluko 16, uSolomon uzukisa ubulumko bukaThixo aze achaze indlela uThixo abacaphukela ngayo abantu abanekratshi. (IMizekeliso16:1-5) Ngoko, esi sahluko sinceda umntu osifundayo aqonde inyaniso ephindaphindwe kaninzi kwincwadi yeMizekeliso yokuba, abantu banokuphumelela baze bonwabe kuphela xa bethobekile baze bavumele uYehova abalathise. (IMizekeliso 16:3, 6-8, 18-23) Le nyaniso iphindwa-phindwa kaninzi eBhayibhileni.—INdumiso 1:1-3; Isaya 26:3; Yeremiya 17:7, 8; 1 Yohane 3:22.

 Bukela le vidiyo ukuze ubone into ekuthethwa ngayo kwiMizekeliso.

a UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Funda inqaku elithi “Ngubani uYehova?