Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

IMizekeliso 3:5, 6—“Ungayami Ngokwakho Ukuqonda”

IMizekeliso 3:5, 6—“Ungayami Ngokwakho Ukuqonda”

 “Thembela ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungathembeli kwindlela oziqonda ngayo izinto. Uze umkhumbule ezindleleni zakho zonke, ibe uza kuyenza iphumelele indlela yakho.”—IMizekeliso 3:5, 6, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; wowulungelelanisa umendo wakho.”—IMizekeliso 3:5, 6, IZibhalo Ezingcwele.

Into ethethwa yiMizekeliso 3:5, 6

 Endaweni yokuba sizenzele ngokwethu izigqibo, simele sijonge ukuba uYehova a uThixo usikhokela njani.

 “Thembela ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho.” Sibonisa ukuba siyamthemba uThixo xa sisenza izinto ngendlela yakhe. Simele simthembe ngentliziyo yethu yonke. EBhayibhileni, xa kuthethwa ngentliziyo, kudla ngokuthethwa ngomntu esinguye ngaphakathi, indlela esiziva nesicinga ngayo, izizathu zokuba senze izinto ezithile, nendlela esizijonga ngayo izinto. Ngoko, ukuthemba uThixo ngentliziyo yethu yonke akupheleli kwindlela esiziva ngayo nje qha. Iba sisigqibo esisenzayo kuba simthembile uMdali wethu ukuba uyazazi ezona zinto zisifaneleyo.—Roma 12:1.

 “Ungathembeli kwindlela oziqonda ngayo izinto.” Sinesono, ngoko simele sithembe uThixo kuba asinakukwazi ukuthembela kwindlela esicinga ngayo. Ukuba siyazithemba okanye senza izinto ngenxa yendlela esiziva ngayo, sinokwenza izigqibo ekusenokubonakala ngathi ziza kusinceda, kodwa ezo zigqibo zisifake engxakini ekuhambeni kwexesha. (IMizekeliso 14:12; Yeremiya 17:9) Ubulumko bukaThixo bubogqitha lee obethu. (Isaya 55:8, 9) Xa sikhokelwa nguye, siza kuphumelela.—INdumiso 1:1-3; IMizekeliso 2:6-9; 16:20.

 “Umkhumbule ezindleleni zakho zonke.” Kuyo yonke into esiyenzayo nakuzo zonke izigqibo ezibalulekileyo esizithathayo, kufuneka sijonge ukuba uThixo uzijonga njani. Le nto siyenza ngokuthandaza simcela ukuba asikhokele, nangokwenza izinto azithethayo kwiLizwi lakhe, iBhayibhile.—INdumiso 25:4; 2 Timoti 3:16, 17.

 “Uza kuyenza iphumelele indlela yakho.” UThixo usenza siphumelele ngokusinceda siphile ngemigaqo yakhe. (IMizekeliso 11:5) Ngenxa yaloo nto, siye siziphephe iingxaki size siphile ubomi obumnandi.—INdumiso 19:7, 8; Isaya 48:17, 18.

Into ekuthethwa ngayo kwiMizekeliso 3:5, 6

 Incwadi yeBhayibhile iMizekeliso ithetha ngemigaqo enokusinceda sonwabe ebomini size sivuyise noThixo. Izahluko zokuqala eziyi-9 zinamacebiso ekungathi asuka kutata esiya kunyana othandwayo. Isahluko 3 sichaza indlela abancedakala ngayo abo bathanda baze basebenzise ubulumko boMdali wethu.—IMizekeliso 3:13-26.

a UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.