KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE
INdumiso 46:10—“Nikezelani, Nazi ukuba NdinguThixo”
“Nikezelani, nazi ukuba ndinguThixo. Ndiza kuphakanyiswa phakathi kweentlanga. Ndiza kuphakanyiswa emhlabeni.”—INdumiso 46:10, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.
“Phezani, ndim uThixo: Ndizivelele izizwe, nehlabathi ndilikrobele.”—INdumiso 46:10, IBhayibhile YesiXhosa Yango1996.
Into Ethethwa YiNdumiso 46:10
UThixo usicenga sonke ukuba simkhonze size sazi ukuba nguye ofanele alawule umhlaba. Amandla nokuphatha kwakhe yinto engenakuphikwa, futhi bonke abantu abafuna ukuphila ngonaphakade, bafanele bayamkele.—ISityhilelo 4:11.
“Nikezelani, nazi ukuba ndinguThixo.” Amazwi esiHebhere aguqulelwe ngokuthi “nikezelani, nazi ukuba ndinguThixo” avela kuYehova a uThixo ibe wayewathetha kuzo zonke iintlanga, esithi maziyeke ukungamthobeli kodwa zazi ukuba nguye ofanele akhonzwe.
Amazwi afana nala afumaneka kwiNdumiso 2. Kule Ndumiso, uThixo uthi uza kwenza into kubantu abangamthobeliyo. Kodwa ke, abantu abamthobelayo uThixo bayazi ukuba uza kubaxelela into amabayenze, abanike amandla nobulumko. Xa ‘bebalekela kuye,’ baza konwaba, bakhuseleke, ingakumbi kula maxesha anzima.—INdumiso 2:9-12.
“Ndiza kuphakanyiswa phakathi kweentlanga. Ndiza kuphakanyiswa emhlabeni.” Kudala, uYehova uThixo wayephakanyiswa xa eye wasebenzisa amandla akhe ukuze akhusele abantu bakhe. (Eksodus 15:1-3) Useza kuphakanyiswa kakhulu kunakuqala xa bonke abantu emhlabeni bemthobela futhi bemkhonza.—INdumiso 86:9, 10; Isaya 2:11.
Into Ekuthethwa Ngayo KwiNdumiso 46:10
Enye imbekiselo ithi iNdumiso 46 “ngumhobe ovuyisana noThixo kuba eye walwela abantu bakhe.” Xa babecula ingoma ekwiNdumiso 46, abantu bakaThixo babonisa ukuba bayamthemba uYehova ukuba uyakwazi ukubakhusela nokubanceda. (INdumiso 46:1, 2) Amazwi ale ngoma ayebakhumbuza ukuba uYehova uza kusoloko enabo.—INdumiso 46:7, 11.
Amazwi akwiNdumiso abakhuthaza ukuba bacinge ngezinto ezenziwe nguYehova ezibonisa ukuba unamandla. Loo nto yabenza baqiniseka ukuba uYehova uza kubakhusela. (INdumiso 46:8) Eyona nto ephambili ethetha ngayo le ndumiso kukuba uYehova uyakwazi ukuphelisa iimfazwe. (INdumiso 46:9) UYehova wayeziphelisa iimfazwe ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile ngokukhusela abantu bakhe kwiintshaba. Kodwa ke iBhayibhile ithembisa ukuba uThixo uza kuphelisa iimfazwe kuwo wonke umhlaba kwixesha elizayo.—Isaya 2:4.
Ngaba uYehova usabanceda abakhonzi bakhe namhlanje? Ewe usabanceda. Phofu, umpostile uPawulos ude akhuthaze amaKristu ukuba amthembe uYehova ukuba uza kuwanceda. (Hebhere 13:6) Izinto ezibhalwe kwiNdumiso 46 zisenza siqiniseke ukuba uThixo unamandla okusikhusela. Zisinceda sibone ukuba uYehova “uyindawo yokubalekela namandla ethu.”—INdumiso 46:1.
Bukela le vidiyo ukuze ubone into ekuthethwa ngayo kwiiNdumiso.
a UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Funda inqaku elithi, “Ngubani UYehova?“