Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

INtshumayeli 3:11—“Yonke Into Uyenze Yantle Ngexesha Layo”

INtshumayeli 3:11—“Yonke Into Uyenze Yantle Ngexesha Layo”

 “Yonke into uyenze yantle ngexesha layo. Ude wabeka ukuphila ngonaphakade entliziyweni yabo; kodwa abantu soze bawazi apho uqala khona nalapho uphela khona umsebenzi kaThixo wokwenene.”—INtshumayeli 3:11, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Zonke izinto uzenze zantle ngexesha lazo; kwanephakade ulinikele ezintliziyweni zabo ngohlobo lokuba umntu angasifumani isenzo asenzayo uThixo, athabathele ekuqaleni ade ase ekupheleni.”—INtshumayeli 3:11, IZibhalo Ezingcwele.

Into ethethwa yiNtshumayeli 3:11

 “Yonke into uyenze yantle ngexesha layo.” Igama lesiHebhere elithi “yantle” alithethi nje ngobuhle bangaphandle. Lisenokuphinda liguqulelwe ngokuthi “yalungiswa kakuhle, yafaneleka.” (INtshumayeli 3:11, umbhalo osemazantsi) Imisebenzi kaThixo emihle ayiphelelanga nje kuphela kwizinto azidalileyo, kunoko iquka nezinto azenzileyo ukuze ukuthanda kwakhe kwenzeke.—Daniyeli 2:21; 2 Petros 3:8; ISityhilelo 4:11.

 “Ude wabeka ukuphila ngonaphakade entliziyweni yabo.” UThixo udale abantu ukuba baphile ngonaphakade. (INdumiso 37:29) Uye wabenza banomnqweno wokuphila ngonaphakade. Sekunjalo, abantu bokuqala uAdam noEva zange bamthobele uThixo ibe bona nabantwana babo baqalisa ukufa. (Genesis 3:17-19; Roma 5:12) Kodwa ke, uThixo uthembisa ‘ukwanelisa iminqweno yayo yonke into ephilayo,’ kuquka umnqweno wabantu wokuphila ngonaphakade. (INdumiso 145:16) IBhayibhile iyayicacisa indlela uYehova abenze ngayo abantu baphinda baba nethemba lokuphila ubomi obungunaphakade.—Roma 6:23.

 “Abantu soze bawazi apho uqala khona nalapho uphela khona umsebenzi kaThixo wokwenene.” Ubulumko bukaThixo bukhulu kakhulu kangangokuba iBhayibhile ithi ‘abunakuqondwa ngokupheleleyo.’ (Roma 11:33) Sekunjalo, uThixo ukulungele ukubachazela injongo yakhe abantu abafuna ukwenza ukuthanda kwakhe.—Amosi 3:7.

Into ekuthethwa ngayo kwiNtshumayeli 3:11

 Incwadi yeNtshumayeli yabhalwa nguKumkani wakwaSirayeli wakudala, uSolomon. Wayedumile ngenxa yobulumko awayebuphiwe nguThixo. Inamacebiso ngezinto ezibalulekileyo ebomini nangezinto ezingabalulekanga kangako. (INtshumayeli 1:2, 3; 2:1, 17; 7:1; 12:1, 13) Kwisahluko 3 uSolomon uchaza ngezinto ezenzekayo ebomini. Uthetha ngezinto ezahlukahlukeneyo abazenzayo abantu. (INtshumayeli 3:1-8, 10) UThixo uye wanika abantu inkululeko yokukhetha ukuba kwezo zinto, zeziphi abafuna ukuzenza ibe baza kuzenza nini. (Duteronomi 30:19, 20; Yoshuwa 24:15) USolomon wachaza ukuba ukuze umntu aphumelele ekusebenzeni kwakhe nzima kufuneka enze ukuthanda kukaThixo aze ahloniphe nexesha lakhe lokwenza izinto. Loo nto uSolomon wayibiza ngokuba “sisipho sikaThixo.”—INtshumayeli 3:1, 12, 13.

 Bukela le vidiyo imfutshane, ukuze ubone nezinye izinto ongazifunda kwincwadi yeNtshumayeli.