Yiya kwinkcazelo

UThixo Waqala Nini Ukudala Iinkwenkwezi Neeplanethi?

UThixo Waqala Nini Ukudala Iinkwenkwezi Neeplanethi?

Okuthethwa yiBhayibhile

 IBhayibhile ayitsho ukuba uThixo waqala nini okanye kwamthatha ixesha elingakanani ukudala. Ithi: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.” (Genesis 1:1) Nangona ingatsho ukuba kwakunini “ekuqaleni”, indlela iGenesis ebhalwe ngayo ibonisa ukuba kwakungaphambi ‘kweentsuku’ ezintandathu zokudala.

 Ngaba usuku olunye lokudala lwaluziiyure eziyi-24?

 Hayi. EBhayibhileni igama elithi ‘usuku’ linokuthetha amaxesha angafaniyo. Ukuba usuku lixesha elingakanani, kuxhomekeke ukuba iBhayibhile ithetha ngantoni. Ngokomzekelo, ithi uThixo wadala zonke izinto ngosuku olunye.—Genesis 2:4.

 Ziintoni uThixo awazidala ngeentsuku ezintandathu?

 UThixo wenza ukuba umhlaba omnyama nowawungenanto ukwazi ukuxhasa ubomi. (Genesis 1:2) Emva koko wadala izinto eziphilayo. IBhayibhile ichaza izinto ezenzekayo kusuku ngalunye lweentsuku ezintandathu uThixo aweyedala ngazo:

  •  Usuku lokuqala: UThixo wenza ukuba ukukhanya kufike emhlabeni kuze kubekho imini nobusuku.—Genesis 1:3-5

  •  Usuku lwesibini: UThixo wenza isibhakabhaka esahlula amanzi angaphantsi namanzi angaphezulu.—Genesis 1:6-8.

  •  Usuku lwesithathu: UThixo wenza ukuba kuvele umhlaba owomileyo waza wadala nezityalo.—Genesis 1:9-13

  •  Usuku lwesine: UThixo wadala ilanga, inyanga neenkwenkwezi ukuze zikhanyise emhlabeni.—Genesis 1:14-19

  •  Usuku lwesihlanu: UThixo wadala izilwanyana zasemanzini nezibhabhayo.—Genesis 1:20-23

  •  Usuku lwesithandathu: UThixo wadala izilwanyana ezihamba emhlabeni nabantu.—Genesis 1:24-31

 Lwakuphela usuku lwesithandathu, uThixo wayeka ukudala waza waphumla.—Genesis 2:1, 2.

 Ngaba incwadi yeGenesis iyaphikisana nesayensi?

 IBhayibhile ayichazi indlela odalwe ngayo umhlaba ukuze ivumelane nesayensi. Kodwa, indlela eyichaza ngayo yenza kube lula ukuba nabani na oyifundayo aziqonde zonke izinto ngokulandelelana kwazo. Ayiphikisani nesayensi. URobert Jastrow, isazi ngeenkwenkwezi, uthi: “Zininzi indlela abantu abathi baqala ngayo ubomi, kodwa indlela iGenesis ethi baqala ngayo iyabonakala kwindlela ezenziwe ngayo iinkwenkwezi neeplanethi. Ukulandelelana kweziganeko ngaphambi kokuba kubekho umntu, kwenzeka ngokukhawuleza.”

 Kwaqalwa nini ukudalwa kwelanga, inyanga neenkwenkwezi?

 Ilanga, inyanga neenkwenkwezi zabakho xa “ekuqaleni” uThixo wadala “amazulu.” (Genesis 1:1) Kuyabonakala ukuba ukukhanya kwakungafiki phantsi emhlabeni, ngenxa yomoya ojikeleze umhlaba. (Genesis 1:2) Ngosuku lokuqala, ukukhanya kwabonakala, kodwa kungabonakali ukuba kuvela phi. Ngosuku lwesine, izulu latyhileka. IBhayibhile ithi ilanga, inyanga neenkwenkwezi zavela “ukuze zikhanyise emhlabeni” njengoko zibonakala kumntu osemhlabeni.—Genesis 1:17

 IBhayibhile ithi mingaphi iminyaka umhlaba ukhona?

 IBhayibhile ayisixeleli ukuba mingaphi iminyaka umhlaba ukhona. IGenesis 1:1 ithi umhlaba, ilanga, inyanga neenkwenkwezi zinesiqalo. Loo nto ayiphikisani nesayensi ngeminyaka yomhlaba.