Ngaba Imali Yingcambu Yazo Zonke Izinto Ezimbi?
Impendulo yeBhayibhile
Hayi. IBhayibhile ayithi imali yinto embi okanye yingcambu yazo zonke izinto ezimbi. Into edla ngokuthethwa ethi “imali yingcambu yazo zonke izinto ezimbi” ayisuki Bhayibhileni. Eyona nto eyithethayo iBhayibhile kukuba, “ukuthanda imali yingcambu yazo zonke izinto ezibuhlungu.” a—1 Timoti 6:10.
Ithini iBhayibhile ngemali?
IBhayibhile iyabonisa ukuba xa isetyenziswa kakuhle imali inokusinceda futhi inokude ‘isikhusele.’ (INtshumayeli 7:12) Enye into, iBhayibhile iyabancoma abantu abanobubele kwabanye, kunye nabo babubonisa ngezipho zemali.—IMizekeliso 11:25.
Kodwa iBhayibhile iyasilumkisa ukuba singenzi imali ibe yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu. Ithi: “Indlela eniphila ngayo mayibonise ukuba aningobathandi bemali, naneliseke zizinto eninazo.” (Hebhere 13:5) Isifundo kukuba sifanele siyisebenzise kakuhle imali singabe sileqeka emva kobutyebi. Kufuneka sizame ukwanela zizinto esizidinga nyhani ezifana nokutya, into yokunxiba nendawo yokuhlala.—1 Timoti 6:8.
Kutheni iBhayibhile ilumkisa ngokuthanda imali?
Abantu abanyolukileyo abazukubufumana ubomi obungenasiphelo. (Efese 5:5) Esinye isizathu saloo nto kukuba ukunyoluka kulunqulo-zithixo okanye unqulo lobuxoki. (Kolose 3:5) Esinye kukuba xa abantu abanyolukileyo bezama ukufumana into abayifunayo badla ngokungenzi zinto zilungileyo. IMizekeliso 28:20 ithi “ongxamela ukuba sisityebi akazukuhlala emsulwa.” Basenokufuna nokwaphula umthetho njengobugrogrisi, ukuqhatha, ukuxhwila abantu okanye ukubulala.
Nokuba ke ukuthanda imali akukwenzi wenze izinto ezimbi kodwa ikhona nenye into enokwenzeka. IBhayibhile ithi “abo bazimisele ukuba zizityebi beyela esilingweni nasemgibeni, nakwiminqweno emininzi yobudenge.”—1 Timoti 6:9.
Lingasinceda njani icebiso leBhayibhile elithetha ngemali?
Xa singavumi ukutshintshwa yimali, senze izinto esiyaziyo ukuba zifanelekile neziza kuvuyisa uThixo, siza kuzihlonipha futhi siza kuthandwa nguThixo aze asixhase. UThixo uthi kwabo bazama nyhani ukumvuyisa: “Soze ndinishiye, ndingasoze ndinilahle.” (Hebhere 13:5, 6) Uphinda athi “umntu othembekileyo uza kufumana iintsikelelo ezininzi.”—IMizekeliso 28:20.
a Le vesi inokuguqulelwa nangokuthi: “Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi.”