Ngaba IBhayibhile Iyathetha Ngokutshata Kwabantu Besini Esifanayo?
Impendulo esuka eBhayibhileni
UMdali wethu waseka imithetho elawula umtshato kwangaphambi kokuba oorhulumente baqalise ukuba neyabo. Incwadi yokuqala yeBhayibhile isixelela oku: “Indoda iya kumshiya uyise nonina, inamathele emfazini wayo baze babe nyama-nye.
” (Genesis 2:24) Ngokutsho kweVine’s Expository Dictionary of Biblical Words, igama lesiHebhere elithi ‘umfazi,’ “lithetha umntu obhinqileyo.
” UYesu wavuma ukuba abantu abamanywe ngumtshato bamele babe “yindoda nebhinqa.
”—Mateyu 19:4.
Ngoko, uThixo wayefuna umtshato ungapheli, ube bubuhlobo obusondeleyo phakathi kwendoda nebhinqa. Amadoda namabhinqa badalwa ukuba baphelelisane ukuze bakwazi ukwanelisana baze babe nabantwana.