Ngaba IBhayibhile Ingandinceda Ndibe Nentsapho Eyonwabileyo?
Impendulo esuka eBhayibhileni
Ewe. Nanga amacebiso obulumko asuka eBhayibhileni, aye anceda amadoda namakhosikazi amaninzi onwaba ezintsatsheni:
Wubhalise ngokusemthethweni umtshato. Ukuzibophelela ngokupheleleyo, kwenza intsapho yonwabe.—Mateyu 19:4-6.
Yiba nothando nentlonipho. Oku kuquka ukuphatha iqabane lakho ngale ndlela nawe ongathanda ukuphathwa ngayo.—Mateyu 7:12; Efese 5:25, 33.
Kuphephe ukusebenzisa amazwi ahlabayo. Thetha kakuhle neqabane lakho, enoba lithethe okanye lenze into ekukhathazayo. (Efese 4:31, 32) Njengokuba iBhayibhile isitsho kwiMizekeliso 15:1: “Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo, kodwa ilizwi elibangela intlungu linyusa umsindo.”
Nyanisekani. Bonisa uthando uze ube neentlobano zesini neqabane lakho kuphela. (Mateyu 5:28) IBhayibhile ithi: “Umtshato mawubekeke phakathi kwenu nonke, nesilili somtshato masingadyojwa.”—Hebhere 13:4.
Baqeqeshe ngothando abantwana bakho. Kuphephe ukuyekelela, kwangaxeshanye kuphephe nokuba ngqwabalala.—IMizekeliso 29:15; Kolose 3:21.