Ngaba UThixo Angandinceda Xa Ndithandaza?
Impendulo yeBhayibhile
UThixo unceda abo bamcela ngokunyanisekileyo nangokuvisisana nokuthanda kwakhe. Nokuba akuzange uthandaze, unokukhuthazwa yimizekelo eseBhayibhileni yabo bathandaza besithi, “Thixo, ndincede.” Ngokomzekelo:
“
Ndincede Yehova Thixo wam; Ndisindise ngokobubele bakho.
”—INdumiso 109:26.“
Andinanto, ndilihlwempu: Thixo ndincede.
”—INdumiso 69:6, ngokweDouay Version.
Umbhali wala mazwi wayenokholo kuThixo. UThixo uyabaphulaphula bonke abo bathetha naye ngokunyanisekileyo, njengabo “baphuke intliziyo
” okanye ‘abamoya utyumkileyo.
’—INdumiso 34:18.
Musa ukucinga ukuba uThixo ukude kakhulu kuwe ngoko akazikhathalele iingxaki zakho. IBhayibhile ithi: “UYehova uphakamile, ukanti uyambona othobekileyo; kodwa ophakamileyo umazela mgama kuphela.
” (INdumiso 138:6) Phofu uYesu wathi kubafundi bakhe: “Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke.
” (Mateyu 10:30) UThixo ubona zonke izinto kuwe nezo wena ungazaziyo. Ngoko qiniseka ukuba uya kukuphulaphula xa ucela akuncede kwiingxaki onazo.—1 Petros 5:7.