Yiya kwinkcazelo

Ngaba Abaphengululi Bayakholelwa Ukuba UYesu Wayekho?

Ngaba Abaphengululi Bayakholelwa Ukuba UYesu Wayekho?

Abaphengululi banezizathu ezininzi zokukholelwa ukuba uYesu wayekho apha emhlabeni. Xa ithetha ngeengxelo ezenziwa ngababhali-mbali benkulungwane yesibini ngoYesu nangamaKristu okuqala, iEncyclopædia Britannica, Uhlelo luka-2002 ithi: “Ezi ngxelo zibonisa ukuba kumaxesha amandulo, nabantu ababengawathandi amaKristu abazange bathandabuze ukuba uYesu wayekhona emhlabeni, loo nto yaqala ukuphikiswa ngenkulungwane ye-18, eye-19 nasekuqaleni kwenkulungwane yama-20.

Ngo-2006, incwadi ethi Jesus and Archaeology yathi: “Akakho umphengululi namhlanje ozenzele igama elihle othandabuzayo ukuba kwakha kwakho umYuda ogama linguYesu unyana kaYosefu; abaninzi bayavuma ukuba ngoku sazi izinto ezininzi awazenzayo neemfundiso zakhe ezisisiseko.

IBhayibhile ithi uYesu wayengumntu wokwenene. Ichaza amagama ookhokho bakhe nentsapho yakowabo. (Mateyu 1:1; 13:55) Ichaza namagama abantu ababelawula ngexesha awayephila ngalo uYesu. (Luka 3:1, 2) Ezo nkcukacha zinceda abaphengululi ukuba bakwazi ukuqinisekisa ukunyanisa kweBhayibhile.