Yiya kwinkcazelo

Ndifuna Ukufa—Ngaba IBhayibhile Ingandinceda Xa Ndicinga Ngokuzibulala?

Ndifuna Ukufa—Ngaba IBhayibhile Ingandinceda Xa Ndicinga Ngokuzibulala?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Ewe! IBhayibhile isuka ‘kuThixo, obathuthuzelayo abo badakumbileyo.’ (2 Korinte 7:6) Nangona iBhayibhile ingeyoncwadi enyanga abantu abagula ngengqondo, iye yanceda abantu abaninzi bayeka ukufuna ukuzibulala. Amacebiso ayo abalulekileyo angakunceda nawe.

 Ngawaphi amacebiso eBhayibhile anokukunceda?

  • Thetha ngendlela oziva ngayo.

     Oko kufundiswa yiBhayibhile: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.”—IMizekeliso 17:17.

     Ngamanye amazwi: Siyaludinga uncedo lwabanye abantu xa sikhathazekile.

     Xa ungabaxeleli abanye indlela oziva ngayo, loo nto iza kwenza usoloko ucinga izinto ezimbi. Ukuba uyathetha ngendlela oziva ngayo kwabanye, loo nto iza kwenza uzive bhetele uze uyijonge ngenye indlela imeko yakho.

     Icebiso: Khawuzame ukuthetha nomntu wakokwenu okanye umhlobo wakho omthembileyo, kwanamhlanje. a Enye indlela onokwenza ngayo kukubhala phantsi indlela oziva ngayo.

  • Yiya kwagqirha.

     Oko kufundiswa yiBhayibhile: “Kubantu abasempilweni akufuneki gqirha, kodwa kwabagulayo uyafuneka.”—Mateyu 9:12.

     Ngamanye amazwi: Simele siyobona ugqirha xa sigula.

     Ukucinga ngokuzibulala kusenokuba yenye yezinto ezibonisa ukuba siphazamisekile engqondweni okanye ngeemvakalelo. Ezi zigulo ziyanyangeka. Ayonto esimele sibenentloni ngayo le kuba iyafana nezigulo eziqhelekileyo.

     Icebiso: Dibana nogqirha ngokukhawuleza.

  • Khumbula ukuba uThixo ukukhathalele.

     Oko kufundiswa yiBhayibhile: “Oongqatyana abahlanu bathengiswa ngeengqekembe ezimbini ezixabiso lincinane, akunjalo? Kanti akukho namnye kubo olibalekayo phambi koThixo. . . . Musani ukuba noloyiko; nixabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi.”—Luka 12:6, 7.

     Ngamanye amazwi: Uxabiseke gqitha kuThixo.

     Usenokucinga ukuba akukho mntu unexesha lakho, kodwa uThixo uyazi kakuhle indlela oziva ngayo. Ukuhoyile nokuba wena awusafuni ukuphila. INdumiso 51:17 ithi: “Intliziyo eyaphukileyo netyumkileyo, Thixo, akuyi kuyidela.” UThixo ufuna uqhubeke uphila kuba uyakuthanda.

     Icebiso: Sicela ujonge isahluko 24 sencwadi ethetha ngeBhayibhile ethi, Sondela kuYehova. Uze ubone ubungqina obusuka eBhayibhileni bokuba uThixo uyakuthanda.

  • Thandaza kuThixo.

     Oko kufundiswa yiBhayibhile: “Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”—1 Petros 5:7.

     Ngamanye amazwi: UThixo ufuna umxelele yonke into ekukhathazayo nekuhluphayo.

     UThixo uza kukunika amandla noxolo lwengqondo ukuze unyamezele. (Filipi 4:6, 7, 13) Ubanceda kakhulu uThixo abantu abathandaza kuye baze bacele uncedo.—INdumiso 55:22.

     Icebiso: Thandaza kuThixo namhlanje. Uze usebenzise igama lakhe uYehova, mxelele indlela oziva ngayo. (INdumiso 83:18) Mcele akuncede ukuba uqhubeke uphila.

  • Cingisisa ngezinto ezithethwa yiBhayibhile ngekamva.

     IBhayibhile ithi: “Eli themba sinalo elifana neankile yomphefumlo, liqinisekile yaye liqinile.”—Hebhere 6:19.

     Ngamanye amazwi: Iimvakalelo zingehla zinyuke njengenqanawe ephehluzeliswa ngumoya, kodwa ithemba eliseBhayibhileni lingakwenza ungagungqi.

     Eli themba ayonto nje esiyiqwenelayo kodwa yinto eza kwenzeka, lithenjiswa nguThixo oza kuphelisa bonke onobangela beentlungu.—ISityhilelo 21:4.

     Icebiso: Funda okungakumbi kwisahluko 5 sencwadana ethi Iindaba Ezilungileyo Ezivela kuThixo!

  • Yenza into ekwenza wonwabe.

     IBhayibhile ithi: “Intliziyo evuyayo iyaphilisa.”—IMizekeliso 17:22.

     Ngamanye amazwi: Xa sisenza izinto ezisenza sonwabe, siye siphile engqondweni nakwimvakalelo.

     Icebiso: Yenza into edla ngokonwabisa. Umzekelo, mamela umculo okhuthazayo, ufunde into ekhuthazayo okanye uzame ukwenza enye into eza kukonwabisa. Uza konwaba kakhulu ukuba wenza into eza kunceda abanye abantu, nokuba yinto nje encinci.—IZenzo 20:35.

  • Umele uwulolonge umzimba wakho.

     IBhayibhile ithi: “Ingqeqesho yomzimba iyingenelo.”—1 Timoti 4:8.

     Ngamanye amazwi: Siyancedakala xa sizilolonga, silala ngokwaneleyo naxa sisitya ukutya okusempilweni.

     Icebiso: Khawukhe wolule imilenze, uhambe nokuba yimizuzu eyi-15.

  • Khumbula ukuba iimvakalelo nezinye izinto apha ebomini ziyatshintsha.

     IBhayibhile ithi: “Anikwazi oko ubomi benu buya kuba kuko ngomso.”—Yakobi 4:14.

     Ngamanye amazwi: Iingxaki ezikukhathazayo onazo nezo zikhangeleka zingumthwalo onzima isenokuba zezomzuzwana.

     Nokuba amathemba akhangeleka emfiliba ngenxa yengxaki lo nto isenokutshintsha. Zama iindlela ezinokukunceda umelane nengxaki. (2 Korinte 4:8) Ingxaki yakho ekukhathazayo isenokutshintsha ethubeni, kodwa akhonto inotshintsha xa uzibulele.

     Icebiso: Funda ngabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhhileni abaye bakhathazeka kakhulu baza bafuna ukufa, uze ubone indlela ubomi babo obatshintsha ngayo—ngendlela abangazange bayicinge nokuyicinga. Khawucinge ngabanye bababantu.

 Ngaba iBhayibhile iyasixelela ngabantu esekhe bafuna ukufa?

 Ewe. IBhayibhile iyasixelela ngabantu esekhe bathi, “Bafuna ukufana.” UThixo zange abagxeke, endaweni yoko waye wabanceda. Nawe angakunceda.

UEliya

  •  Wayengubani? UEliya wayengumprofeti onesibidi. Nangona wayenesibindi ngamanye amaxesha wayekhe azive edimazekile.“UEliya wayengumntu oneemvakalelo ezinjengezethu,” (Yakobi 5:17).

  •  Kwakutheni ukuze afune ukufa? UEliya sekhe waziva eyedwa, esoyika kwaye engaxabisekanga. Lo nto yambangela ukuba athi : “Yehova, wuthabathe umphefumlo wam.”—1 Kumkani 19:4.

  •  Waye wancedwa yintoni? UEliya waye waxelela uThixo indlela avakalelwa ngayo. Waye wakhuthazwa njani nguThixo? UThixo waye wambonisa ukuba umkhathalele wade wambonisa nobungqina bamandla akhe. Waye wamqinisekisa uEliya ukuba usaxabisekile kwaye uyamdinga waza waqhubeka emnceda.

  •  Funda ngoEliya: 1 Kumkani 19:2-18.

UYobhi

  •  Wayengubani? UYobhi wayeyindoda ekhonza uThixo oyinyaniso, enosapho olukhulu kwaye esisityebi.

  •  Kwakutheni ukuze afune ukufa? Ubomi bukaYobhi batshintsha ngokukhawuleza izinto zamhambela kakubi. Walahlekelwa yiyo yonke into awayenayo. Abantwana bakhe bonke baye basweleka. Waye wafumana nesifo esasimvisa iintlungu kakhulu. Ekugqibeleni, waye watyholwa kusithiwa nguye unobangela weengxaki zakhe. UYobhi wathi: “Ndibugatyile; andiyi kuphila ukusa kwixesha elingenammiselo.”—Yobhi 7:16.

  •  Waye wancedwa yintoni? UYobhi waye wathandaza kuThixo waza waxelela nabaye abantu abanokumnceda. (Job 10:1-3) Waye wakhuthazwa ngumhlobo wakhe onovelwano, uElihu, owaye intlungu kaYobhi wayenza eyakhe. Ukongezelela koko uYobhi waye walwamnkela uncedo oluvela kuThixo xa wayelungiswa kwindlela awayeciga ngayo.

  •  Funda ngoYobhi: Yobhi 1:1-3, 13-22; 2:7; 3:1-13; 36:1-7; 38:1-3; 42:1, 2, 10-13.

UMoses

  •  Wayengubani? UMoses wayengumprofeti kwaye eyinkokheli yamaSirayeli.

  •  Kwakutheni ukuze afune ukufa? Umoses wayejongene nomsebenzi onzima kakulu, abantu aweyebakhokela babemgxeka imihla nezolo, lo nto yayimtyhafisa uMoses. Wakhala kuThixo wathi: “nceda usele undibulala ndife fi.”—Numeri 11:11, 15.

  •  Waye wancedwa yintoni? UMoses waye waxelela uThixo indlela avakalelwa ngayo. UThixo waye wawuphungula umthwalo kaMoses ukuze athobe isitres.

  •  Funda ngoMoses: Numeri 11:4-6, 10-17

a Ukuba awuyeki ukucinga ngokuzibulala babe nabantu obaziyo bekude kunawe, fowunela inombolo ezokukunceda.