Ukuqonda IBhayibhile—Zintoni Ezifunekayo?
Impendulo yeBhayibhile
IBhayibhile iyayichaza into ekufuneka uyenze ukuze uyiqonde. Nokuba imvelaphi yakho injani, isigidimi sikaThixo esiseBhayibhileni ‘asinzima kuwe, yaye asikude.
’—Duteronomi 30:11.
Izinto ezinokwenza uyiqonde iBhayibhile
Zimisele ukwamkela oko ikuthethayo. Yamkele njengeLizwi likaThixo. Thobeka, kuba uThixo akabafuni abantu abanekratshi. (1 Tesalonika 2:13; Yakobi 4:6) Noko ke, sukuyikholelwa into oyifundayo xa ungayiqondi kakuhle—uThixo ufuna usebenzise ‘
amandla akho engqiqo.
’—Roma 12:1, 2.Thandazela ubulumko. KwiMizekeliso 3:5 iBhayibhile ithi, “
Ungayami ngokwakho ukuqonda.
” Kunoko, ‘qhubeka ucela kuThixo
’ ubulumko bokuyiqonda iBhayibhile.—Yakobi 1:5.Fundisisa ngalo lonke ixesha. Uya kuzuza ngakumbi xa uyifunda rhoqo iBhayibhile, ungayindwendweli.—Yoshuwa 1:8.
Funda ngokwemixholo. Ukufunda ngemixholo, apho uhlolisisa oko kuthethwa yiBhayibhile ngaloo mxholo okanye umbandela othile, yeyona ndlela iphumelelayo yokufunda iZibhalo. Qala ‘
ngeemfundiso zabaqalayo,
’ ngokungathi kunjalo, uze ‘uqhubele phambili kwezo zamakholwa akhulileyo.
’ (Hebhere 6:1, 2, iBhayibhile yesiXhosa ka-1996) Uya kufumanisa ukuba unokuthelekisa izibhalo uze ufunde ukuba enye esinye isibhalo sicacisa esinye, nezo ‘kunzima ukuziqonda.
’—2 Petros 3:16.Cela uncedo kwabanye. IBhayibhile isikhuthaza ukuba samkele uncedo esilufumana kubantu abayaziyo. (IZenzo 8:30, 31) AmaNgqina kaYehova afundisa abantu iBhayibhile simahla. NjengamaKristu enkulungwane yokuqala, asebenzisa iincwadi ezicacisa iZibhalo ukuze ancede abanye baqonde eyona nto ifundiswa yiBhayibhile.—IZenzo 17:2, 3.
Izinto ekungeyomfuneko ukuba ube nazo
Ingqondo ekrelekrele okanye imfundo ephakamileyo. Abapostile bakaYesu abayi-12 babeziqonda iZibhalo yaye bezifundisa abanye, nangona babesaziwa njengabantu “
abangenamfundo nabaqhelekileyo.
”—IZenzo 4:13.Imali. Unokufunda oko kuthethwa yiBhayibhile ungakhange udleke nesenti. UYesu waxelela abafundi bakhe oku: “
Namkele ngesisa, yiphani ngesisa.
”—Mateyu 10:8.