Ngaba Umhlaba Uza Kutshatyalaliswa?
Impendulo yeBhayibhile
Hayi, uMhlaba awusoze utshatyalaliswe, utshiswe okanye kwenziwe omnye. IBhayibhile ithi uThixo wawudala umhlaba ukuze kuhlalwe kuwo ngonaphakade.
“Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:29.
“[UThixo] useke umhlaba phezu kweendawo omiswe kuzo; awuyi kushukunyiswa ukusa kwixesha elingenammiselo, okanye nangonaphakade.”—INdumiso 104:5.
“Umhlaba umi ixesha elingenammiselo.”—INtshumayeli 1:4.
“UMyili womhlaba noMenzi wawo, owuzinzise ngokuqinileyo, nongawudalelanga ilize, kodwa owawubumba ukuba umiwe.”—Isaya 45:18.
Ngaba abantu baza kuwonakalisa umhlaba?
UThixo akazukuvumela abantu bawonakalise umhlaba ngokungcolisa umoya namanzi, ngeemfazwe okanye nangayiphi indlela. Kodwa, uza ‘kubatshabalalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’ (ISityhilelo 11:18) Uza kuyenza njani loo nto?
Esebenzisa uBukumkani basezulwini, uThixo uza kubasusa oorhulumente babantu, abangakwazanga ukuwukhusela umhlaba. (Daniyeli 2:44; Mateyu 6:9, 10) Obu Bukumkani buza kulawulwa nguNyana kaThixo, uYesu Kristu. (Isaya 9:6, 7) Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wenza imimangaliso ebonisa ukuba unamandla okulawula indalo. (Marko 4:35-41) NjengoKumkani woBukumkani bukaThixo, uYesu uza kulawula wonke umhlaba nezinto ezikuwo. Uza kuwuphucula okanye awenze mtsha, iimeko zomhlaba ziphantse zifane nezaseEden.—Mateyu 19:28; Luka 23:43.
Kanti iBhayibhile ayitsho ukuba umhlaba uza kutshiswa?
Hayi, ayitsho. Oku kubhideka kwenziwa kukungayiqondi into ethethwa kweye-2 kaPetros 3:7, ethi: “Amazulu nomhlaba wangoku, zombini ziqwetyelwe umlilo.” Jonga izinto ezimbini ezibalulekileyo ezisinceda siqonde ukuba athetha ukuthini la mazwi:
IBhayibhile ibhekisela kwizinto ezininzi xa isebenzisa amagama athi “amazulu,” “umhlaba,” “nomlilo.” Ngokomzekelo, iGenesis 11:1 ithi: “Wonke umhlaba wawululwimi-lunye.” Apha, “umhlaba” ubhekisela ebantwini.
Into ekuthethwa ngayo kweye-2 kaPetros 3:7 ichaza ukuba athetha ntoni amazulu, umhlaba nomlilo. Ivesi 5 no-6 ithetha ngoMkhukula wexesha likaNowa. Ngelo xesha, ihlabathi latshatyalaliswa kodwa wona umhlaba wahlala ukho. Kunoko uMkhukula wasusa bonke abantu ababeziindlobongela, okanye “umhlaba.” (Genesis 6:11) Yatshabalalisa “namazulu”—abantu ababelawula ihlabathi ngelo xesha. Ngoko, kwatshatyalaliswa abantu abenza izinto ezimbi, hayi umhlaba. UNowa nentsapho yakhe basinda xa kwakutshatyalaliswa elo hlabathi baza baphila emhlabeni emva koMkhukula.—Genesis 8:15-18.
“Umlilo” okanye intshabalalo, ekuthethwa ngawo kweyesi-2 kaPetros 3:7, njengamanzi oMkhukula, uza kususa bonke abantu abenza izinto ezimbi, hayi uMhlaba. UThixo uthembisa “amazulu amatsha nomhlaba omtsha” apho “kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:13) ‘Umhlaba omtsha’ okanye abantu abalungileyo baza kulawulwa “ngamazulu amatsha,” uBukumkani BukaThixo. Xa kulawula obu Bukumkani, umhlaba uza kuba yiparadesi enoxolo.—ISityhilelo 21:1-4.