Yintoni Izulu?
Impendulo esuka eBhayibhileni
Igama elithi izulu lisetyenziswa ngeendlela ezintathu eBhayibhileni: (1) amazulu abonakalayo; (2) ummandla womoya; yaye (3) lithetha indawo ephakamileyo okanye isikhundla esiphakamileyo. Kwimeko nganye, loo nto kuthethwa ngayo yiyo esinceda siqonde intsingiselo echanileyo. a
Amazulu abonakalayo. Kule nkalo, amazulu abhekisela esibhakabhakeni apho kubhudla umoya, kubhabha iintaka, apho amafu ahlisa imvula nekhephu nalapho kulenyeza imibane. (INdumiso 78:26; IMizekeliso 30:19; Isaya 55:10; Luka 17:24) Asenokubhekisela nasemajukujukwini apho kukho “ilanga nenyanga neenkwenkwezi.”—Duteronomi 4:19; Genesis 1:1.
Ummandla womoya. Igama elithi izulu likwabhekisela kummandla womoya, kwindawo yokuhlala ephakame ngaphezulu lee kunesibhakabhaka. (1 Kumkani 8:27; Yohane 6:38) Kummandla womoya kuhlala uYehova uThixo ‘onguMoya’ kwakunye neengelosi awazidalayo. (Yohane 4:24; Mateyu 24:36) Maxa wambi amazulu ayamntwiswa ukufanekisela iingelosi ezithembekileyo, ‘ibandla labangcwele.’—INdumiso 89:5-7.
IBhayibhile iphinde isebenzise igama elithi amazulu xa ibhekisela kwinxalenye yommandla womoya ‘kwindawo ahlala kuyo’ uYehova. (1 Kumkani 8:43, 49; Hebhere 9:24; ISityhilelo 13:6) Ngokomzekelo, iBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba uSathana needemon zakhe baza kuphoselwa ngaphandle kwezulu ibe abazange banikwe mvume yokubuyela ezulwini. Sekunjalo, babeza kuhlala bekummandla womoya.—ISityhilelo 12:7-9, 12.
Indawo ephakamileyo okanye isikhundla esiphakamileyo. IZibhalo zisebenzisa igama elithi izulu ukuchaza isikhundla esiphakamileyo esidla ngokuba sesomntu ophetheyo. Eso sikhundla sinokuba:
SesikaYehova uThixo njengoMongami.—2 Kronike 32:20; Luka 15:21.
BuBukumkani bukaThixo, urhulumente oza kuthabathel’ indawo ulawulo lwabantu. IBhayibhile ibhekisela kobo Bukumkani ‘njengamazulu amatsha.’—Isaya 65:17; 66:22; 2 Petros 3:13. b
NgamaKristu asemhlabeni anethemba lokuphila ezulwini.—Efese 2:6.
Ngoorhulumente babantu ababaphakameleyo abantu ababalawulayo.—Isaya 14:12-14; Daniyeli 4:20-22; 2 Petros 3:7.
Ngoomoya abangendawo abalawula emhlabeni ngoku.—Efese 6:12; 1 Yohane 5:19.
Kunjani ezulwini?
Kuyasetyenzwa kummandla womoya. Kuhlala amakhulu ezigidi zeengelosi ‘eziphulaphula isandi selizwi lakhe [uYehova].’—INdumiso 103:20, 21; Daniyeli 7:10.
Xa ithetha ngezulu iBhayibhile ithi linokukhanya okuqaqambileyo. (1 Timoti 6:15, 16) Umprofeti uHezekile wabona umbono wamazulu ‘onjengokukhanya okuqaqambileyo’ ukanti yena uDaniyeli wabona ‘umsinga womlilo.’ (Hezekile 1:26-28; Daniyeli 7:9, 10) Izulu lingcwele okanye licocekile yaye lihle.—INdumiso 96:6; Isaya 63:15; ISityhilelo 4:2, 3.
Indlela iBhayibhile elichaza ngayo izulu iyamangalisa. (Hezekile 43:2, 3) Ekubeni ummandla womoya ungaphaya kwamandla ethu, akunakwenzeka ngabantu ukukuqonda ngokupheleleyo oko kwenzeka ezulwini.
a ICyclopedia kaMcClintock noStrong ithi, amazulu amatsha akuIsaya 65:17 amela “urhulumente omtsha, ubukumkani obutsha.”—Umqulu IV, iphepha 122.
b Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi izulu lithetha “ukuphakama.” (IMizekeliso 25:3) Jonga iThe New Brown, Driver, and Briggs Hebrew and English Lexicon of the Old Testament, iphepha 1029.