UKUNCEDA IINTSAPHO | UMTSHATO
Indlela Yokubonisa Umonde
“Zibakhona iingxaki indoda nomfazi ababanazo ezifuna babonise umonde yonke imihla. Umonde usenokungabi yongxaki kangako xa ungatshatanga, kodwa ubalulekile ukuze umtshato uphumelele.”—UJohn.
Kutheni ufanele ube nomonde?
Xa utshatile kulula ukuzibona iimpazamo zomntu otshate naye.
“Emva kokuba utshate ixesha elide kulula ukuzibona izinto ongazithandiyo ngomntu otshate naye ibe loo nto isenokwenza uphelelwe ngumonde.”—UJessena.
Ukungabi namonde kunokukwenza uthethe ungacinganga.
“Ndiye ndikhawuleze ukuthetha, ibe ngamanye amaxesha ndithetha izinto ebendingafanelanga ndizithethe. Ukuba bendinomonde, bendiza kukwazi ukucinga ngaphambi kokuba ndithethe.”—UCarmen.
IBhayibhile ithi: “Uthando lunomonde yaye lunobubele.” (1 Korinte 13:4) Yiloo nto kufanelekile ukuba abantu ababini abathandandayo babe nomonde. Kodwa akusoloko kunjalo.” UJohn, ebesikhe sathetha ngaye ngaphambili, uthi: “Njengalo naluphi na uphawu oluhle, kulula ukuphelelwa ngumonde. Ngoko kufuneka usebenzela ukuba nawo.”
Ungawubonisa njani umonde?
Xa kusenzeka into eyenza kube nzima ukubonisa umonde
Ngokomzekelo: Umntu otshate naye akathethi kakuhle nawe. Nawe uye ufune ukuphindisa ngokungathethi kakuhle naye.
Umgaqo weBhayibhile: “Sukukhawuleza ukucaphuka kuba ukucaphuka luphawu lwesidenge.”—INtshumayeli 7:9, umbhalo osemazantsi.
Indlela yokubonisa umonde: Yima kancinci. Ngaphambi kokuba uphendule zixelele ukuba umntu otshate naye ebengafuni ukukhathaza ngento ayithethileyo. Incwadi ethi Fighting for Your Marriage ithi: “Abaninzi kuthi baye baphendule ngendlela abacinga ngayo kunokuba baphendule into ethethwayo.”
Noba umntu otshate naye ebefuna ukukucaphukisa ungabonisa umonde ngokuba ungaphindisi. IBhayibhile ithi, “Xa zingekho iinkuni, uyacima umlilo.”—IMizekeliso 26:20.
“Xa uqalisa ukucinga ukuba umfazi wakho lutshaba lwakho yima ucinge ukuba kutheni umthanda uze ukhawuleze umenzele into entle”—UEthan.
Cinga ngoku:
Uye wenze ntoni xa umntu otshate naye ethetha okanye esenza into ongayithandiyo?
Ungawubonisa njani umonde xa iphinda isenzeka le nto?
Xa umntu otshate naye eqhubeka esenza into ekukhathazayo
Ngokomzekelo: Umntu otshate naye akalibambi ixesha ukwenza ulinde ibe loo nto iyakucaphukisa.
Umgaqo weBhayibhile: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngokusuka entliziyweni.”—Kolose 3:13.
Indlela yokubonisa umonde: Zama ukucinga ngomtshato wakho kunokucinga ngezinto ezifunwa nguwe. Zibuze, ‘Ngaba ukuxambulisana nomntu enditshate naye kuza kuwakha okanye kuwuchithe umtshato wethu?’ Khumbula ukuba “sonke sihlala sizenza iimpazamo.” (Yakobi 3:2) Le nto ithetha ukuba nawe kukho izinto ekufuneka uzilungise.
“Ngamanye amaxesha ndiye ndibonise umonde kwitshomi yam, kunokuwubonisa kumyeni wam. Le nto yenzeke kuba ndihlala nomyeni wam, ngoko ndiyazibona iimpazamo zakhe. Kodwa ukuba ndinomonde emtshatweni wam loo nto ibonisa ukuba ndiyamthanda yaye ndiyamhlonipha umyeni wam.”—UNia.
Cinga ngoku:
Ngaba uyazinyamezela iimpazamo zomntu otshate naye?
Ungaphucula njani kwixesha elizayo?