Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA INTSAPHO | UMTSHATO

Ukusebenzisa Kakubi Utywala Emtshatweni

Ukusebenzisa Kakubi Utywala Emtshatweni

 Ngaba umntu otshate naye ukhe wakuchazela ukuba imenzela ixhala indlela osela ngayo? Ukuba kunjalo, zikhona izinto omele ucinge ngazo.

Kweli nqaku

 Ukusebenzisa kakubi utywala nomtshato—kuyingozi ukudibanisa ezi zinto

 Ukusebenzisa kakubi utywala kunokubangela ukuba umntu abe neengxaki ezininzi zempilo, njengesifo sentliziyo, ukudumba kwesibindi, necancer. Kodwa ukusebenzisa kakubi utywala akuyongxaki yempilo nje kuphela; kuyingxaki nasemtshatweni kuba kwenza umntu aphathe kakubi intsapho yakhe, kubekho iingxaki zemali, ukungathembeki kunye nedivosi.

 IBhayibhile ithi xa umntu ebusebenzisa kakubi utywala, ‘buluma okwenyoka buze bukhuphe ityhefu okwerhamba.’ (IMizekeliso 23:32) Unokuzazi njani ukuba nawe uxhomekeke etywaleni?

 Ngaba uxhomekeke etywaleni?

 Le mibuzo ilandelayo iza kunceda ubone ukuba uxhomekeke etywaleni na:

  •   Ngaba kunzima kuwe ukulawula indlela osela ngayo?

  •   Ngaba amaxesha amaninzi uye uzibuze ukuba uza kuphinda usele nini?

  •   Ngaba uye uqhubeke usela nokuba lento yenza ingxaki ebomini bakho nasemtshatweni wakho?

  •   Ngaba uye uzive ingathi uyagula xa uzama ukubuyeka?

  •   Ngaba ukusela kwenza nixabane nomntu otshate naye?

  •   Ngaba umkhamo osela ngawo utywala uyayodlula indlela owawusela ngayo kuqala?

  •   Ngaba uyazifihla xa usela, okanye endlini nasemsebenzini kukho indawo ofihle kuyo utywala?

 Ukuba impendulo yakho komnye wale mibuzo nguewe, kusenokwenzeka ukuba uxhomekeke etywaleni, ibe unengxaki yokubusebenzisa kakubi utywala

 Qiniseka ukuba awuyiphiki into yokuba unengxaki yotywala

 Ngaba umntu otshate naye uye wakuchazela ukuba imenzela ixhala indlela osela ngayo? Ukuba kunjalo, kusenokwenzeka ukuba uye wenza ngathi ayongxaki le, okanye wazithethelela. Kusenokwenzeka ukuba uye watyhola umntu otshate naye okanye abanye, wathi:

  •   “Ukuba ubundiphethe kakuhle, bekungazunyanzeleka ukuba ndisele.”

  •   “Ukuba ubunomsebenzi onzima ofana nowam okanye umqeshi wam, ubuza kusela nawe.”

  •   “Baninzi abantu abandogqithayo ekuseleni.”

 Ukuba ukhe uthethe izinto ezilolu hlobo, ngaba loo nto ayibonisi ukuba ukusela kubaluleke kakhulu kuwe kunokuba emtshatweni wakho nonwabe? Yintoni efanele ukuba yeyona nto ibalulekileyo kuwe?

 Umgaqo weBhayibhile: “Indoda etshatileyo icinga ukuba . . . ingenza njani ukuze ithandwe ngumfazi wayo.”—1 Korinte 7:33.

Endaweni yokuba umphikise umntu otshate naye ngokungathi kukho udonga phakathi kwenu, khawukhe uzame ukuzibona kakuhle izinto anexhala lazo, ibe ngathi usebenzisa ifestile ekwenza ubone yonke into.

 Into onokuyenza

  •   Izinto ezixhalabisa umntu otshate naye zihoye. Ukuba le nto iyamxhalabisa umntu otshate naye, kutheni ungayilungisi? Ukuba awukwazi kuyilungisa—ibe uyaqhubeka usela utywala nangona imxhalabisa umntu otshate naye, lento ibonisa ukuba unengxaki yokusela kakhulu utywala.

     Umgaqo weBhayibhile: “Mntu ngamnye makangafuni kulungelwe yena, kodwa makafune kulungelwe abanye.”—1 Korinte 10:24.

  •   Yazi yonke into. Ukuze ijoni likwazi ukuphumelela emfazweni, kufuneka lazi ukuba utshaba lwalo luza kulihlasela njani. Ukuze nawe uphumelele uze ubusebenzise kakuhle utywala, umele wazi ukuba yintoni ebangela ukuba abantu babusebenzise kakubi, nokuba abantu bangena njani kule ngxaki. Kuza kufuneka ufunde nezinto eziza kukunceda uyeke ukuxhomekeka etywaleni nokuba kukancinci, neziza kukunceda ungaphindi usele kwakhona.

     Umgaqo weBhayibhile: “Niyiphephe iminqweno yemizimba enesono.”—1 Petros 2:11.

  •   Fumana uncedo. Zininzi iindawo ezinceda abantu bayeke ukubusebenzisa kakubi utywala kunye nezibhedlele. Ungathetha nomhlobo wakho onamava onokukunceda ubone ukuba zikhona na ezinye izinto uze umfonele xa uphinda ubawela ukusela kwakhona.

    Cela uncedo kwezonyango

     Umgaqo weBhayibhile: “Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke, ibe ungumzalwana onokuthembela kuye ngamaxesha anzima.”—IMizekeliso 17:17.

 Ukusebenzisa kakubi utywala yinto enzima engenakusuka nje ilunge kuba ufunde eli nqaku, okanye onokusuka nje uyiyeke kuba uthe, “Ndiza kuzama ukuyeka ukusela kakhulu.” Kodwa umele wazi ukuba indlela obusebenzisa ngayo utywala ayimoshi nje impilo yakho kuphela—kodwa iyawumosha nomtshato wakho.

 Funda nezinye izinto: Funda la manqaku alandelayo ukuze ubone ukuba abanye benze njani ukuze bayeke ukubusebenzisa kakubi utywala.

 Andisengomntu Ukhohlakeleyo

 Andisenazintloni Ngobuntu Bam Ngoku

 Ndandihlala Estratweni

 Kwakhona, bukela ividiyo ethi Ndandidikiwe Yindlela Endandiphila Ngayo