Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IJW BROADCASTING

Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza​—IJW Broadcasting (KwiRoku)

Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza​—IJW Broadcasting (KwiRoku)

Mhlawumbi awubhali ngendlela echanileyo kwindawo yokukhangela. Jonga indawo ethi Installing JW Broadcasting. Enye into kungenzeka ukuba ayidlali kwisixhobo sakho se-elektroniki. I-JW Broadcasting idlala kwiRoku 1, kwiRoku 2, kwiRoku 3, neRoku edlala nakwezinye iiTV.

 

Unokubukela iividiyo kulo naluphi na ulwimi usebenzisa iapp yeRoku: IsiAlbania, Intetho Yezandla YaseMerika, Intetho Yezandla YaseArgentina, Intetho Yezandla YaseBrazil, Intetho Yezandla YaseKholombiya, IsiCroatia, IsiDanish, IsiDatshi, IsiNgesi, IsiEstonia, IsiFinnish, IsiFrentshi, IsiJamani, IsiHungary, Isi-Indonesia, IsiTaliyane, IsiKinyarwanda, Intetho Yezandla YaseMexico, IsiNorway, Isiphuthukezi, IsiSpanish, IsiSweden, IsiTsonga, IsiXhosa, isiZulu.

Cofa kwindawo yolwimi kwiphepha lokuqala leJW Broadcasting.

 

Iapp yeJW Broadcasting uyidawunlowuda uze uyisebenzise simahla.

 

IRoku ifuna ube nekhadi leakhawunti elisebenzayo ukuze uvule iakhawunti yayo ngenxa yokuba asingomajelo ayo onke abukelwa simahla. Uza kuhlawula kuphela xa ukhetha ukubukela ijelo. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, yiya kwicandelo lendlela yokusebenza kweRoku.

 

Umhlobo wakho onolwazi ngeRoku okanye i-JW Broadcasting unokukunceda. Ukuba umbuzo wakho unento yokwenza nesixhobo seRoku okanye iakhawunti, yiya kuncedo ngeRoku kwi-intanethi. Ukuba unengxaki neapp yeJW Broadcasting, nceda uzalise ifomu yokucela uncedo kwi-intanethi.