I-JW LIBRARY
Ukukhangela EBhayibhileni Okanye Kuncwadi—Kwi-iOS
Uphawu lokukhangela kwiJW Library lukunceda ufumane igama okanye ibinzana eBhayibhileni okanye kuncwadi.
Landela le miyalelo ukuze ukhangele:
Ukukhangela EBhayibhileni
Unokukhangela igama okanye ibinzana kwiBhayibhile oyifundayo.
Ngoxa ujonge iBhayibhile, cofa olu phawu; uze ubhale igama olifunayo. Njengoko ubhala iza kukugqibezelela. Cofa egameni okanye ucofe uphawu lokukhangela emaqhosheni.
Kwindawo ethi, Top Verses kuvela iivesi ohlala uzijonga xa ukhangela. Ku-All Verses ziivesi obuzikhangele ngokokulandelelana kweencwadi zeBhayibhile. Ku-Articles ngamanqaku afanayo akwintshayelelo nakwizihlomelo.
Ukuba ubhale amagama amaninzi, cofa ku-Match Exact Phrase emva koko uza kubona amagama afanayo kuphela.
Ukukhangela Kuncwadi
Ungakhangela igama okanye ibinzana kwincwadi oyifundayo.
Ngoxa uyifunda, cofa olu phawu; uze ubhale igama olifunayo. Njengoko ubhala iza kukugqibezelela. Cofa egameni okanye ucofe uphawu lokukhangela emaqhosheni.
Ukuba ubhale amagama amaninzi, cofa ku-Match Exact Phrase emva koko uza kubona amagama afanayo kuphela.
Ukukhangela Umxholo
Ukuba sele uyidawunlowudile i-Insight on the Scriptures, unokukhangela kuyo. Unokukhangela ngoxa ufunda iBhayibhile okanye olunye uncwadi.
Cofa olu phawu, uze ubhale umxholo owufunayo. Njengoko ubhala, amagama afana neli ulibhalayo aza kuvela kwi-Insight on the Scriptures. Cofa umxholo ukuze inqaku livuleke.
Ezi zinto zakhululwa ngo-Oktobha 2014 neJW Library 1.3.4, ehambelanayo neiOS 6.0 okanye ezilandelayo emva kwayo. Ukuba awuziboni ezi zinto, nceda ulandele imiyalelo ekwinqaku elithi, “Sebenzisa IJW Library—Kwi-iOS,” ngaphantsi kwendawo ethi, Fumana Izinto Ezintsha.