Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IWEBHSAYITHI I-JW.ORG

Ukukhangela Uncwadi

Ukukhangela Uncwadi

Kwi-jw.org/xh kwicandelo elithi IIMPAPASHO kukho amanqaku amaninzi arekhodiweyo neevidiyo. Sebenzisa amacebiso akweli nqaku ukuze ukhangele uncwadi olufunayo.

 Ukukhangela Uncwadi Usebenzisa Umxholo

Ukuba uyawazi umxholo wencwadi okanye ke amagama athile kuwo, sebenzisa ezi ndlela zingezantsi ukuze ukhawuleze uyifumane loo ncwadi.

Yiya kwindawo ethi, IIMPAPASHO > IINCWADI NEENCWADANA.

  • Cofa indawo ethi Zonke uze ubhale elinye lamagama omxholo wencwadi oyikhangelayo. Ngokomzekelo, ukuba ukhangela incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile bhala igama elithi “okufundiswa.” Uza kuqaphela ukuba uncwadi oluvelayo lolunegama elithi “okufundiswa” kuphela. Khetha umxholo waloo ncwadi uyikhangelayo.

  • Cofa indawo ethi Khangela.

 Ukukhangela Imagazini Ethile

Yiya kwindawo ethi, IIMPAPASHO > IIMAGAZINI.

Xa uvula eli phepha, likubonisa ooVukani! neeMboniselo (Uhlelo lukawonke-wonke) ezine zakutshanje kunye neeMboniselo ezisibhozo zohlelo lokufundisa. (Ezinye iilwimi zisenokungabi nazo zonke ezi ntlobo.) Ukuze ufumane imagazini ethile, landela la macebiso angezantsi:

  • Khetha uhlelo nonyaka owufunayo kuludwe oluvelayo.

  •   Cofa indawo ethi Khangela.

Ukuveza Zonke Iintlobo Onokuzidawunlowuda Zoncwadi

Zimbini iindlela zokuyenza le nto, ungaziveza uze uzibuke zilandelelane okanye zidweliswe zehle ukuya ezantsi.

Cofa indawo ethi Buka ukuze ubone uncwadi oludwelisiweyo. Uncwadi luza kuvuleka ngolu hlobo qho uvula le webhsayithi.

Le ndawo ithi Buka ibonisa iphepha langaphandle loncwadi, amaqhosha ongawacofa ukuze udawunlowude kunye nomxholo woncwadi. Ukuba uya kwindawo yokudawunlowuda ekhompyutheni (okanye efowunini) ungabona zonke iintlobo zeefayile onokuzifumanela zona (uncwadi olufundwayo okanye olurekhodiweyo).

Ukuba ufuna ukutshintsha indlela uncwadi oludweliswe ngayo, phinda ucofe indawo ethi Buka.

Emva kokucofa indawo ethi Buka kwakhona uza kuqaphela ukuba uncwadi luza kuvela ludwelisiwe lusiya ngasezantsi.

Olunye uncwadi lufumaneka ngeentlobo ngeentlobo njengeencwadi ezinamagama amakhulu.

 Cofa uhlobo lwefayile oyifunayo kuloo ncwadi (umzekelo njengePDF) ukuze ubone ibhokisi eza kukuvezela zonke ezinye iintlobo ezikhoyo. Cofa ilinki oyifunayo kwezo ntlobo ziza kuvela.

Ukukhangela Uncwadi Olunenkcazelo Ethile

Ukuba loo nkcazelo iyafumaneka njengenqaku elikwi-Intanethi, sebenzisa indawo ethi Khangela kwiwebhsayithi ukuze ufumane elo nqaku okanye eso sahluko esinaloo magama owakhangelayo.

Cofa indawo ethi Khangela. Bhala kuyo amagama ofuna ukuwakhangela. Ukuba aliqela amagama owaziyo avelayo kolo ncwadi ulufunayo, wabhala onke. Ukwenza oku kunokunceda ekubeni elo nqaku okanye isahluko osifunayo sibe sesokuqala kuludwe.

Ukuba ufuna ukukhangela amanqaku athile kuphela, ungalandela la macebiso angezantsi:

  • Cofa indawo ethi Advanced Search okanye ethi Advanced Options.

  • Kwindawo ethi Category cofa ethi Publications.

  • Wandule ke ucofe indawo ethi Khangela.