INGOMA 100
Bamkele Ngobubele
-
1. UYehova nguThix’ onobubele.
Ubakhathalele bonke abantu.
Unika wonk’ umntu,
imvula nelanga,
Usikhathalela ngothando.
Nathi mas’xelise
uThixo wethu.
Sibe nobubele kubantu bonke.
UYehova uza kusisikelela,
Ngobubele bethu kwabanye.
-
2. Nathi masibonise ububele
Ingakumbi kwabo sikhonza nabo.
Xa besityelele,
masibakhuthaze,
Sincokole nabo sonwabe.
ULidiya wathi: ‘Namkelekile.’
Nathi masamkele bonke ngothando.
UYehova uza
kubavuza abo
Babuka iindwendwe ngothando.
(Funda nezi: IZe. 16:14, 15; Roma 12:13; 1 Tim. 3:2; Heb. 13:2; 1 Pet. 4:9.)