Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 99

Izigidi Zabazalwana

Izigidi Zabazalwana

(ISityhilelo 7:9, 10)

  1. 1. Iz’gidi zabazalwana

    Ziyashumayela

    Emhlabeni uphela,

    Ngokuzimisela.

    Singumkhosi omkhulu,

    Owomeleleyo,

    Wezizwe neelwimi neentlanga,

    Sidumis’ uThixo.

  2. 2. Iz’gidi zabazalwana

    Zazisa abantu

    Ngethemba leZibhalo,

    Lobomi benene.

    Ewe sikhe sityhafe,

    Kodwa asiyeki.

    UYehova uyasixhasa,

    Asinik’ amandla.

  3. 3. Iz’gidi zabazalwana

    Zikhonza uThixo,

    Ngoko uzikhusele,

    Njengabantu bakhe.

    Imini nobusuku,

    Siyashumayela,

    NgoBukumkani bukaThixo,

    Kubo bonk’ abantu.