INGOMA 125
“Bonwabile Abo Banenceba!”
-
1. Bonke abo banenceba,
Bayathandwa nguYehova.
Ubanika konke oko
Bakudingayo ngesisa.
UThixo weth’ unenceba
Usixolela ngothando.
Uyazi ukuba thina
Sinesono siluthuli.
-
2. Ngamaxesha obunzima,
Xa simonile uThixo,
Sinokuthandaza kuye
Sicela asixolele.
Yena uya kusenzela
Inceba kuba es’thanda.
Ngoko masithandazele
Inceba yakhe uThixo.
-
3. Masibonise inceba
Ukuze sisikelelwe.
Masiphe abasweleyo
Masibaphathe ngenceba.
Siya kuvuzwa nguThixo
Xa sibonisa inceba.
Bonwabile bonk’ abantu
Ababonisa inceba.
(Funda nezi: Mat. 6:2-4, 12-14.)