Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 151

Baza Kubizwa

Baza Kubizwa

(Yobhi 14:13-15)

  1. 1. Ubom’ bethu bufana nenkungu,

    Buthi shwaka msinyane.

    Ngoku bukho ngomso abusekho,

    Kubakho iinyembezi.

    Abantu bethu, ngaba bovuka?

    UThix’ uthembis’ oku:

    (CHORUS)

    Abantu es’bathandayo,

    Abaswelekileyo,

    Bonke baza kubizwa,

    Baphume engcwabeni.

    Ngoko ke, yiba nokholo

    Lokuba wobabona.

    Themba kungekudala

    Wophila kunye nabo.

  2. 2. Abahlobo bakaThixo wethu,

    Abayi kulityalwa.

    Bonke abo baswelekileyo,

    Uza kubakhumbula.

    Wobavusela eParadesi,

    Baphile ngolonwabo

    (CHORUS)

    Abantu es’bathandayo,

    Abaswelekileyo,

    Bonke baza kubizwa,

    Baphume engcwabeni.

    Ngoko ke, yiba nokholo

    Lokuba wobabona.

    Themba kungekudala

    Wophila kunye nabo.