INGOMA 151
Baza Kubizwa
-
1. Ubom’ bethu bufana nenkungu,
Buthi shwaka msinyane.
Ngoku bukho ngomso abusekho,
Kubakho iinyembezi.
Abantu bethu, ngaba bovuka?
UThix’ uthembis’ oku:
(CHORUS)
Abantu es’bathandayo,
Abaswelekileyo,
Bonke baza kubizwa,
Baphume engcwabeni.
Ngoko ke, yiba nokholo
Lokuba wobabona.
Themba kungekudala
Wophila kunye nabo.
-
2. Abahlobo bakaThixo wethu,
Abayi kulityalwa.
Bonke abo baswelekileyo,
Uza kubakhumbula.
Wobavusela eParadesi,
Baphile ngolonwabo
(CHORUS)
Abantu es’bathandayo,
Abaswelekileyo,
Bonke baza kubizwa,
Baphume engcwabeni.
Ngoko ke, yiba nokholo
Lokuba wobabona.
Themba kungekudala
Wophila kunye nabo.
(Funda nezi: Yoh. 6:40; 11:11, 43; Yak. 4:14.)