INGOMA 152
Indawo Esiza Kukukhonzela Kuyo
(1 Kumkani 8:27; 1 Kronike 29:14)
1. Yehova Mdali wezulu,
Umkhulu kunamazulu.
Kubeka phi kuwo umhlaba?
Kodw’ umoya wakh’ ulapha.
Kwesi sakhiwo sokukhonza
Kukho abanquli bakho.
Sikukhonza kunye ngovuyo.
Oko kuyakuvuyisa
(BRIDGE)
Konke esinako
Sikufumene kuwe.
Sikunika yonk’ into
Osinike yona.
(CHORUS)
Sikubulela ngento yonke
Sicula sikudumisa.
Umnqweno wethu uw’fezile
Kule ndlu sokwaz’ uk’khonza
2. Yehova, ubusazi ukuba
Sifun’ ukwakhela indlu.
Eza kus’ nceda sikukhonze
Ngendlel’ ekukholisayo
Kwang’ ingafez’ injongo yakho
Kub’ umsebenzi umninzi.
Siqhubeke nok’shumayela
Sithobel’ uYesu Kristu.
(BRIDGE)
Ngoko sikunika
Yonk’ into esinayo.
Ufanelwe luzuko—
Mdali wento yonke.
(CHORUS)
Sikubulela ngento yonke,
Sicula sikudumisa.
Umnqweno wethu uw’fezile
Kule ndlu sokwaz’ uk’khonza.