INGOMA 20
Usinike UNyana Wakho Ekuphela Kwakhe
-
1. Yehova Somandla,
Sasingenathemba.
Ngothando wancama
UNyana wakho!
Ngoku singabakho,
Siphilela wena.
Sazisa abanye,
Ngokuthanda kwakho.
(CHORUS)
Uncame uNyana,
Siyakudumisa,
Sicula ngemincili,
sibulela ngesi sipho.
-
2. Sitsalwa yinceba,
Nobubele bakho.
Yehova Somandla,
Siyakuthanda.
Kodwa eyona nto
Sisipho soNyana.
Oye wasifela.
Ukuze siphile.
(CHORUS)
Uncame uNyana,
Siyakudumisa,
Sicula ngemincili,
sibulela ngesi sipho.
(UMQUKUMBELO)
Yehova Somandla, siyakubulela.
Sisithi enkosi ngokusinik’ uNyana.
(Funda nezi: Yoh 3:16; 15:13.)