INGOMA 21
Funani UBukumkani Kuqala
-
1. UThixo usithembise,
UBukumkani bakhe,
Obuya kuzilungisa,
Iimeko emhlabeni.
(CHORUS)
Funani uBukumkani
Kunye nobulungisa.
Masidumise uThixo,
Simkhonze ngok’thembeka.
-
2. Masingaxhalel’ ingomso,
‘Ukuba sodla ntoni?’
Masifun’ uBukumkani
UThixo wosixhasa.
(CHORUS)
Funani uBukumkani
Kunye nobulungisa.
Masidumise uThixo,
Simkhonze ngok’thembeka.
-
3. Ncokola ngoBukumkani,
Uncede abanomdla
Babeke ithemba labo
Kubo uBukumkani.
(CHORUS)
Funani uBukumkani
Kunye nobulungisa.
Masidumise uThixo,
Simkhonze ngok’thembeka.
(Funda nezi: INdu. 27:14; Mat. 6:34; 10:11, 13; 1 Pet. 1:21.)