INGOMA 47
Thandaza KuYehova Yonke Imihla
-
1. Thandaza kuYehova uvuya.
Thetha naye njengomhlobo wakho.
Thembela ngaye ngamaxesh’ onke.
Khuphel’ intliziyo yakho kuye.
Thandaza yonk’ imihla.
-
2. Thandaza kuYehova uthembe
Ukuba uza kukumamela.
Cela uxolo xa umonile,
Wazi ukuba wokuxolela.
Thandaza yonk’ imihla.
-
3. Thandaza kuYehova ngokholo.
Lahlela umthwalo wakho kuye.
Uza kukukhusel’ akuncede,
Ngoko hlala uthembele ngaye.
Thandaza yonk’ imihla.
(Funda nezi: INdu. 65:5; Mat. 6:9-13; 26:41; Luka 18:1.)