Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 48

Hamba NoYehova Yonke Imihla

Hamba NoYehova Yonke Imihla

(Mika 6:8)

  1. 1. Sifuna ukuthobeka

    Xa sihamba noThixo wethu.

    Ubenzela ububele

    Abo bahamba kunye naye.

    Ngoko masizimisele

    Ukuhamba noThixo.

    Masizinikele kuye,

    Senze ukuthanda kwakhe.

  2. 2. USathana unomsindo,

    Isiphelo sesisondele.

    Kodwa siyaphumelela

    Kuba sihamba noYehova.

    Uhlala esikhusela

    Esibambe ngesandla.

    Siyamthanda uYehova,

    Sohlala sihamba naye.

  3. 3. UThixo uyasixhasa

    Ngomoya wakhe oyingcwele.

    Sincedwa liLizwi lakhe

    Kwanalibandla lamaKristu.

    Sifuna ukuqhubeka

    Sihamba noYehova,

    Sibonise ububele,

    Ukuthobeka nothando.