Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 81

Ubomi Bukavulindlela

Ubomi Bukavulindlela

(INtshumayeli 11:6)

  1. 1. Sivuka ngentseni size silungele

    Ukuy’ entsimini

    emva kokwenza umthandazo.

    Siyabancumela esibabonayo.

    Abanye bayema,

    abanye abemi, as’tyhafi.

    (CHORUS)

    SingabakaThixo,

    Siphilela yena.

    Ibe sohlala simthobela.

    Siyanyamezela,

    Kutshisa, kunetha.

    Le yindlela esithi ngayo: “Nd’yak’thanda.”

  2. 2. Sibuya ilanga seliza kutshona.

    Noba sidiniwe

    siyavuya size s’thandaze.

    Bunjalo ubomi bukavulindlela.

    Sibulel’ uThixo

    ngokusisikelela kwakhe.

    (CHORUS)

    SingabakaThixo,

    Siphilela yena.

    Ibe sohlala simthobela.

    Siyanyamezela,

    Kutshisa, kunetha.

    Le yindlela esithi ngayo: “Nd’yak’thanda.”