INGOMA 78
“Sifundisa ILizwi LikaThixo”
-
1. Bayavuy’ abafundisa
Izwi likaThixo.
Liyabanceda kakhulu
Abalifundayo.
Sixelis’ unyana wakhe,
Xa sifundis’ izwi.
Njengoko sinced’ abantu
Basondele kuThixo.
-
2. Sifundisa ngomzekelo
Wethu kubo bonke.
Thina bafundis’ iLizwi
likaThixo wethu.
Siphanda sizimisele
kuzo iZibhalo.
Kuba zinokuninzi
Esinokuthetha ngako.
-
3. UYehova usinika
esikudingayo.
Ukuze sifundis’ izwi.
Ngoko masimcele.
Xa sicela ngomthandazo
Uyasiphendula.
Sinceda izifundo zethu
Zifundise nazo.
(Funda nezi: INdu. 119:97; 2 Tim. 4:2; Tito 2:7; 1 Yoh. 5:14.)