Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 79

Zifundise Ukuhlala Ziqinile

Zifundise Ukuhlala Ziqinile

(Mateyu 28:19, 20)

  1. 1. Kumnandi ukukhathalela

    Izimvu zikaThixo.

    Siyazi uyasikhokela

    Njengoko sizalusa.

    (CHORUS)

    Thixo wethu siyacela,

    Yiba nazo ntsuku zonke.

    Nceda Thixo ube nazo.

    Zifundise ukuhlala ziqinile.

  2. 2. Mihla le siyaz’thandazela,

    Njengoko zivavanywa.

    Sihlala sizikhathalela

    Ukuze zomelele.

    (CHORUS)

    Thixo wethu siyacela,

    Yiba nazo ntsuku zonke.

    Nceda Thixo ube nazo.

    Zifundise ukuhlala ziqinile.

  3. 3. Sicela uzisikelele,

    Zihlale zinokholo.

    Zincede ziluphumelele

    Ugqatso lwamaKristu.

    (CHORUS)

    Thixo wethu siyacela,

    Yiba nazo ntsuku zonke.

    Nceda Thixo ube nazo.

    Zifundise ukuhlala ziqinile.